yokona kugula kuxhalisayo kwengqondo okunjengeschizophrenia, ibonakala iyeyona yoyikeka kumguli nakulowo omqwalaseleyo kuba abaqondi ukuba kuqhubeka ntoni. Kwezingaxhalisiyo, imiqondiso esiyifumanayo kukunxunguphala, ukudangala noloyiko, iimvakalelo sonke esiqhelene nazo. Xa abantu begula, ezi mvakalelo azilawuleki kwaye ziyabaxwa zibangele eyona nkxalabo, nokungakwazi ukujamelana nemisebenzi yamihla le.

NGUBANI OSENGOZINI
Ukugula ngengqondo kuhlasela amadoda, amabhinqa, abantwana, abantu abadala, izityebi namahlwempu, kodwa iimeko ezithile zixhaphaka kuhlobo oluthile lwabantu. Ukukhathazeka okungaphaya kuxhaphaka kumabhinqa kunasemadodeni, kubantu abasebeqinile kunakwabo baselula, kumahlwempu kunakwizityebi. Umahluko onjalo ungenxa yeemeko umntu angakwaziyo ukuzilawula, meko ezi zixhaphaka kwabathile kunakwabanye. Kodwa zikho nezikhetha ukuba ungabani na - abo bakufumana kunzima ukumelana namanzithinzithi obomi ngabona basengozini kwaye kolu didi kwande kakhulu iminyewu.
INDLELA IHIV/AIDS ECHAPHAZELA NGAYO UKUGULA NGENGQONDO
lntsholongwane yeAIDS ichaphazela imithambo yengqondo, ingakumbi
ubuchopho. Umguli unokubonisa ukuphazamiseka kwindlela avakalelwa ngayo, ngokomzekelo abonakale ethe khunubembe okanye ethe phithi, ngokomzekelo akholelwe kokungekhoyo, ashwaqe, kodwa angadli ngokuxhalaba okanye oyike. Xa le ntsholongwane isiya ibutyhutyhuda ubuchopho ethubeni, umguli uthi phithi nangakumbi. Kunzima ukunyanga
IINDAWO ONOKULUFUMANA . UNCEDO
Yiya kugqirha, ekliniki okanye esibhedlele. Kulo lonke eli kukho iiOfisi ezinceda Abagula Ngengqondo, neentsapho zabo. Khangela ekufutshane nawe kwitelephone directory okanye unokufowunela iS.A. Federation for Mental Health apha (01 1) 242 9600 ukuze uncedwe ufumane iofisi yAbagula Ngengqondo ekufutshane nawe.
umntu ogula ngengqondo oneAlDS kuba uthatha ixesha ukusabela
kunyango okanye angasabeli tu ukanti umntu ogula ngengqondo ongenayo intsholongwane yeAIDS ukhawuleza asab ele.

IZIPHUMO ZOMNTU OGULA NGENGQONDO ELUSATSHENI
Ubomi bosapho bunokuphazamiseka xa kukho ogula ngengqondo kulo. Njengazo naziphi na izigulo ezixhalisayo iingxaki zokukhathazeka nezemali zinokuqala. Kwakhona, njengoko kwabanye abantu ukugula ngengqondo kungajongwa kusisifo koko kuthathwa njengebulawo okanye amafufunyana, ngamanye amaxesha olo sapho alwamkeleki ekuhlaleni kuba uluntu lucinga ukuba xa lunento yokwenza nafo loo mafufunyana aya kungena nakwezalo iintsapho.

UNYANGO
Njengaso nasiphi na isifo, ukubhaqwa kunyangwe kwangoko kubalulekile. Phantse lonke unyango lomntu ogula ngeigqondo luqala kugqirha. Apha iintfobo ezingephi zodandatheko zinokunyangeka ngempumelelo. Ezingaphaya kwakhe ugqirha uzigqithisela kwingcali.
Abantu abagula ngengqondo banokuncedwa baphile nje kakuhle. Ngonyango olufanelekifeyo iingxaki ezininzi zinokulawulwa ukuze 100 mntu aphile njengamntu wonke. Unyango
oluphum elelayo ufuneka luxananaze. Oku kuthetha ukuba unyango, inkxaso yoluntu, indlela yokuphila neyokusebenza, unyamezelo, uthando nenkxaso yosapho nabahlobo zinokuba negalelo ekuthoma-laliseni ogula ngengqondo ingakumbi kuba yena amaxa amaninzi akaziboni ukuba uyaguia.
U
 KUGULA ngengqondo sisifo abantu abaninzi ingakumbi, abantsundu, (abebala namaNdiya), abakholelwa ukuba sibangelwa kukuthakathwa, okanye kuthiwe umntu ungenwe ngamafufunyana okanye kuthiwe uyathwasa. Kukangaphi sisiva abantu besithi ndiza kumcholis amaphepha okanye besithi bamthakathile okanye unenkenkqe? Mhlawumbi asingebagxeki abaneenkolelo ezinje kuba okunene kuyamangalisa ukubona umntu obebadle mu esidl ingca neenkomo.
Kodwa, phezu kwazo zonke ezi nkolelo, ukugula ngengqondo kunako kwaye kuchaphazela nabani na kungakhathaliseki ukuba ungakanani,
ungowasiphi isini, ukrelekrele, uhlanga, ukoiuphi udidi kwezentlalo, ezonqulo okanye ezenkcubeko. NgokoMbutho weMpilo yeNgqondo kuqikelelwa ukuba i-3% yabemi iphambene phithi, ze ama-22% abemi nakuwuphi na unyaka abeneentlobo ngeentlobo zokuphazamiseka engqondweni.

KUYINTONI UKUGULA NGENGQONDO?
Ukugula ngengqondo kuchaphazela ukuphazamiseka kwemo oyiyo, amandla okuqaphela, awengcinga, ukuzilawula, iinkumbulo nendlela oziphatha ngayo.
namanqanaba ngamanqanaba okugula
ngengqondo, kodwa sekunjalo akukho
nobangela uthe tse osele efunyanisiwe
wembangela yoko kodwa naba abanye.
*	ufuzo
*	ucinezeleko ngenxa yemeko-burrie
*	ukungalungelelani kweekhemikhali
ezisebuchotsheni

IIMPAWU ZOKUGULA NGENGQONDO
l im pawu ezibonakal iswa n gabantu abagula ngengqondo ziquka ukuba nentloko ebuhlungu engapheli, ukutshintshatshintsha kobukhulu bomzimba nezinye iinkathazo emzimbeni apho kungekho luphawu lusisisusa sengxaki, uve usebe-sebe wabantu ongababoni, ube nemibono, indlela obulala nobusitya ngayo itshintshe, ukungakhathaleli isiqu sakho, umsebenzi, izifundo nobudlelwane nosapho lwakho, udakumbe, ukuba

Kuyintoni ukugula ngengqondo, yintoni enokwenziwa ukuze kunyangwe? Lo ayingomba ulula kwezonyango, kodwa nasi isikhoke!o kw!ngxam yes! sifo.

liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS encedwa yiMENTAL HEALTH SOCIETY kufote uLIEZEL HANNEMANN
neenkolelo ezif amanqe, ufun ukuzibulala, ukundwaza nokungabikho zingqondweni, iimvakalelo ezingacaci, ingakumbi uhlek intlinini kungekho ehlekisayo, nokuchwayitha ube nemincili okanye amathuba okuvela ucaphuke, ube nomsindo, ufun undikhoyo, ubuye uthule isithukuthezi, uloyiko olungaphaya, uthande ukuqokelela izinto okanye uphindaphinde imisebenzi nezinto ezithile, ulibale, uzulazule udidekile, ube namaxesha ngathi uzabalaza usilwa kwanezinye iinclidi ezirigumnqa oziphatha ngazo.

IMIQONDISO
Njengaso nasiphi na isifo, kukho iindidi ngeendidi zesifo sengqondo. lmiqondiso
OONOBANGELA
Kukho iintlobo ngeentlobo
Ukugula
gengqondo
96 BONA XHOSA - July 1999
IBHASO LONOMPILO ZOLUNTU KU-1999
lincwadi ezikhetha oza kufumana iBhaso loNompilo Nomphuhlisi Weenkonzo Zoiuntu woNyaka zingena zithontelana. Baninzi. abakhethelwe iBhaso loNompilo Nomphuhlisi Weenkonzo Zoluntu kowe1999. lincwadi ezichaza lowo nimkhethileyo mazifike kuthi ungekafiki uLwesihlanu womhla wama-23 kajulayi 1999,, Eli lithuba lakho lokugqibela lokuba utyumbe umntu ofanele ukufumana lo magumede webhaso uze nawe uzizuzele ibhaso le-R1 OOO Abagwebi kotu khuphiswano ngabakwaSoul City, uGqr. Eddie I1hlanga, nabafikelele kumanqam kunyaka ophelileyo. Funda uzibonele ukuba abagwebi baza kujonga ntoni xa betyumba ophumelele olu khuphiswano.
UJENNIFER MBUSHE -
waseZevenfontein,
eGauteng
Xa bendicelwa ukuba ndibe ngumgwebi kukhuphiswano IoNompilo noMphuhlisi WeeNkonzo Zoluntu woNyaka, ndizibone ndihloniphekile. Kum ibonakalisa ukuba abakwaSoul City bakholeiwa ukuba ubukho bam bungenza umahluko ekukhetheni ophumeleleyo kulo nyaka, kwaye ndibonile ukuba umsebenzi endiwenzele uluntu wenze umahluko. Ndiza kujonga amaphulo afikelela eluntwini. Otyunjiweyo kufanele aziwe lLuntu - ubuntu babo, nendlela uluntu olumbona ngayo. Nabani na onomdla wokuba ngumsebenzi woluntu kufanele abe nenyameko novelwano


UHENDRIETTA BOGOPANE -waseGauteng
Ndizive ndonwabe kakhulu xa ndicelwa ukuba ndibe ngumgwebi kolu khuphiswano. EIi bhaso libonakalisa umvuzo kubantu abaphumeleleyo likwabakhuthaza
ukuba bazimisele emsebenzini wabo. Okundonwabisayo kukuphumelela kunyaka ophelileyo, kwaye olu khuphiswano Iuquka abagogekileyo ingakumbi amabhinqa. Ndiza kube ndijonge abantu abagqwesileyo abaqhubeka nokuphuhlisa abantu basezilalini .


UVIRGINIA STORM -wasePietermaritzburg, KwaZulu-Natal
Kuluvuyo kum ukubizwa ndibe ngumgwebi walowo oya kufumana iBhaso loNompilo Nomphuhlisi Weenkonzo Zoluntu ku-1999 Lithuba elihle kum ukubona okuqhubekayo kwezophuhliso kwiphondo lam, kumnandi ukuba yinxalenye yaie nkqubo. Ndonwabe kakhulu kwaye ndizimisele ukufunda okutsha endiza kukubona. Ndiza kujonga okuhle okwenziwe ngumtyunjwa, namandla akhe kweli phulo, kunye nokubandakanyeka koluntu kolu phuhliso.
UGQR. EDDIE MHLANGA -waseGauteng
UMOCHONONO ligama lesiSuthu elibhekisa kumntu okrelekrele, kwaye ngoku yinkqubo kamabonakude ezakukhanyisa ubomi bakho. UMochonono yinkqubo kamabonakude ebalisa ngamabali oluntu ababona ukubaluleka kwemfundo. Aba ngabantu abafunda ezifektri, kwizikolo zasebusuku, kumaziko oluntu, iicawa neefama. Aba ngabantu abathi, NOKUBA UMDALA KANGAKANANI USENGAFUNDA. Le nkqubo ikunika iinkcukacha ezibalulekileyo ngamathuba okufunda
BUKELA UMOCHONONO* RHOQO NGEECAWA KUSABC 2 NGO-11 HOO UKUZE UFUMANE IINKCUKACHA NGAMABHASO, UBONE ABAF1KELELE EMANQAMINI NABAPHUMELELEYO
BONA XHOSA - July 1999 97
KWANOPHUHLISE IINKONZO ixhaswa ngabcikwci-Bona, BP ncibakwaSABC Educcition
Ndizive ndonwabile kwaye ndihloniphekile. Ndiza kukwazi ukusebenzisana nabantu abahlelelekileyo ndithabathe inxaxheba kokwenziwa luluntu. Ndiza kujonga amaphulo akhulayo naqhuba kakuhle. Amaphulo oluntu- ingabi yinto yomntu omnye. Kufanele ibe liphulo elivuselela umoya woluntu ekuhlaleni.

UMONICA KABELO -waseTaung, eMntla Ntshona
Ndiziva ndinethamsanqa ndihtoniphekile ukubandakanywa kwigqiza labagwebi. Ndonwabile kuba kwixesha elidlulileyo uninzi lolutsha, ingakumbi abasuka kwiindawo ezihleletekileyo, bebecinga ukuba kufuneka babengabantu abaphakamileyo ukuze bathabathe inxaxheba kwizinto ezinje. Ndiza kujonga iphulo eliluncedo, nelikwaxhaswa luluntu.

USTEVE MASONDO -waseWakkerstroom KwaZulu Natal
Xa abakwaSoul City bandicela ukuba ndibe ngomnye wabagwebi kukhuphiswano lwalo nyaka, ndivuye kakhulu. Ndizimisele ukusebenza nzima nokusebenzisa obam ubugcisa ekufikeleleni kwisigqibo esilungileyo kolu kukhuphiswano. Ndiza kujonga amaphulo asebenzisana noluntu, nokubandakanyeka kwalo kwelo phulo.

UGQR. SHEREEN USDIN -eJohannesburg
Ndikholelwa ukuba sinegqiza labagwebi abasemgangathweni abaza kwenza izigqibo ezizizo.
Bonke banolwazi lokuphuhlisa uluntu. Bosibhozo aba bagwebi basinika ixesha elaneleyo nezikhokelo ukuze siliqabelise eli
phulo lihle. Ndizimisele ukusebenzisana naye ngamnye kubo, ndikwajonge lukhulu kwiMpilo noPhuhliso kwiindawo zethu. 
oui ity i-teaitii & Development Worder Award 1999


ixhaswa ngabakwa-Bona / BP / SABC Education

IFOMU YOKUTYUMBA
Ndityumba u	ukuba abe yiHealth and
Development Worker of the Year Award 1 999.
ldilesi	.                                             
Iinomboto anokufumaneka kuzo	(emsebenzini)	(ekhaya)
 (enye)
lzizathu zokumtyumba (nceda sebenzisa elinye iphepha unike iinkcukacha ezipheleleyo):
Umtyunjwa uneminyaka engakanani ebandakanyeka kuphuculo lwempilo nophuhtiso loluntu9                                         Chaza indlela asebenza ngayo ekuphuculeni impilo nophuhliso Ioluntu:



Nika iinkcukacha zoqhagamshelwano nencwadi engqina oku evela:
Kummi wasekuhlaleni olilungu elixhamle kweli phulo tomtyunjwa kunye Kwinkokeli yasekuhlateni eqhelene nempumetelo yephulo lotyunjiweyo.



haza naziphi na iimbasa, ukwamkeleka okanye inkxaso-mali athe mtyunjwa wayifumana:


rhumela nayiphi na ingxelo othanda ukusinika yona ngomtyumbileyo efomu yokumtyumba.


EZAKHO IINKCUKACHA
gama lam ngu	 dilesi yam                                                
inombolo endinakufumaneka kuzo	(Umsebenzi)	(Ekhaya)
 (Ezinye)
